1. Bekani indlebe, mazulu, ndithethe;Live ihlabathi amazwi omlomo wam;
2. Ichaphàze njengemvula imfundiso yam,Ihle njengombethe intetho yam,Njengomkhumezelo phezu kohlaza,Njengamathontsi phezu kotyani.
3. Ngokuba ndiya kuvakalisa igama likaYehova:Mnikeni ubukhulu uThixo wethu!
4. NguLiwa; ugqibele umsebenzi wakhe,Ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni;NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha;Lilungisa, uthe tye yena.