Iduteronomi 30:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kothi ke, xa athe eza phezu kwakho onke la mazwi, iintsikelelo neziqalekiso, endizibeke phambi kwakho, wazikhumbula uphakathi kweentlanga zonke, athe wakugxothela kuzo uYehova uThixo wakho,

2. wàbuyela kuYehova uThixo wakho, waliphulaphula ilizwi lakhe, njengako konke endikuwisela umthetho ngako namhla, wena noonyana bakho, ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke:

3. wókubuyisa ke uYehova uThixo wakho ukuthinjwa kwakho, abe nemfesane kuwe, abuye akubuthe ezizweni zonke abekuphangalalisele kuzo uYehova uThixo wakho.

4. Ukuba ùthe wagxothelwa esiphelweni sezulu, wókubutha nakhona apho uYehova uThixo wakho; wókuphuthuma nakhona apho.

5. Wókuzisa uYehova uThixo wakho kulo ilizwe ababelihluthile ooyihlo, ulimé, akwenzele okulungileyo, akwandise ngaphezu kooyihlo.

6. Wóyalùsa intliziyo yakho uYehova uThixo wakho, nentliziyo yembewu yakho, ukuba umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, ukuze uphile.

7. Wózibeka uYehova uThixo wakho zonke ezi zishwabulo phezu kweentshaba zakho, naphezu kwabakuthiyileyo, abakutshutshisileyo;

Iduteronomi 30