1. Kothi ke, xa athe eza phezu kwakho onke la mazwi, iintsikelelo neziqalekiso, endizibeke phambi kwakho, wazikhumbula uphakathi kweentlanga zonke, athe wakugxothela kuzo uYehova uThixo wakho,
2. wàbuyela kuYehova uThixo wakho, waliphulaphula ilizwi lakhe, njengako konke endikuwisela umthetho ngako namhla, wena noonyana bakho, ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke: