3. UYehova uThixo wethu wamnikela ke ezandleni zethu uOgi ukumkani waseBhashan, nabantu bakhe bonke; sambulala, kwada akwabakho namnye usindayo.
4. Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha, akwabakho mzi singawuthabathanga kubo; imizi yaba mashumi mathandathu, wonke ummandla waseArgobhi, ubukumkani bukaOgi eBhashan.
5. Yonke loo mizi ibinqatyiswe ngodonga oluphakamileyo, namasango, nemivalo; iyodwa imizi yabasemaphandleni, eyabe imininzi kunene.
6. Sayisingela phantsi, njengoko senzayo kuSihon ukumkani waseHeshbhon; sasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana.