Iduteronomi 3:18-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ndaniwisela umthetho ngelo xesha, ndisithi, uYehova uThixo wenu uniniké eli lizwe ukuba nilihluthe. Welani nixhobile phambi kwabazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, nonke nina bafo banobukroti.

19. Kodwa abafazi benu, nabantwana benu, nemfuyo yenu (ndiyazi ukuba ninemfuyo eninzi), mabahlale emizini yenu endininike yona;

20. ade uYehova abaphumze abazalwana benu njengani, balimé nabo ilizwe elo abanika lona uYehova uThixo wenu phesheya kweYordan; nibuyele ke elowo elifeni lakhe endininike lona.

Iduteronomi 3