Iduteronomi 29:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. nabantwana benu, nabafazi benu, nomphambukeli ophakathi komzi wakho, kuthabathela kogawula iinkuni zakho, kuse kokha amanzi akho;

12. ukuba ungène emnqophisweni kaYehova uThixo wakho, asesifungweni sakhe, asenzayo uYehova uThixo wakho nawe namhla;

13. ukuze animise namhla nibe ngabantu kuye, yena abe nguThixo kuni, njengoko wakuthethayo kuni, njengoko wakufungayo kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi.

14. Andiwenzi nani nedwa lo mnqophiso nesi sifungo;

15. ndiwenza nomiyo apha nathi namhla phambi koYehova uThixo wethu, kwanongekhoyo apha nathi namhla.

16. Ngokuba nina niyakwazi ukuhlala kwethu ezweni laseYiputa, nokucanda kwethu phakathi kweentlanga enacanda kuzo;

17. nazibona izinto zazo ezinezothe, nezigodo ezizizithixo zazo, imithi namatye, isilivere negolide, ezinazo:

18. hleze kubekho kuni ndoda, namfazi, namzalwane, nasizwe, sintliziyo ijikayo namhla, imke kuYehova uThixo wethu, iye kukhonza oothixo bezo ntlanga; hleze kubekho kuni ingcambu ezele ubuhlungu nomhlonyane;

Iduteronomi 29