60. akubuyisele ke bonke ubulwelwe baseYiputa owanxunguphala bubo, buthi nama kuwe.
61. Nazo zonke izifo nezibetho zonke ezingàbhaliweyo encwadini yalo myalelo, wózinyusa uYehova phezu kwakho ude utshabalale;
62. nisale nibantu bambalwa, esikhundleni sokuba naningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi; ngokuba ungaliphulaphulanga izwi likaYehova uThixo wakho.
63. Kothi, njengokuba uYehova ebenemihlali ngani, ukuba anenzele okulungileyo, anandise: enjenjalo uYehova ukuba nemihlali ngani, ukuba anidakise, anitshabalalise; ninyothulwe emhlabeni lowo ungena kuwo, usiya kuwúma;
64. aniphangalalise uYehova phakathi kwezizwe zonke, ethabathela esiphelweni sehlabathi, ase esiphelweni sehlabathi; ukhonze thixo bambi khona, ongabazanga wena nooyihlo, imithi namatye.
65. Phakathi kwezo ntlanga akusayi kunyhamnyheka, ayisayi kuba nakuphumla intende yonyawo lwakho; uYehova wokunika apho ukugungqa kwentliziyo, nokuphela kwamehlo, nokuthiswa komphefumlo.
66. Ubomi bakho bojinga ngomsonto phambi kwakho, unkwantye ubusuku nemini, ungàkholwa bubomi bakho; kusasa wòthi,
67. Akwaba bekungokuhlwa! ngokuhlwa wothi, Akwaba bekukusasa! ngenxa yokunkwantya kwentliziyo yakho oya kunkwantya ngako, nangenxa yokubona aya kukubona amehlo akho.