Iduteronomi 28:45-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

45. Zoza ke phezu kwakho ezo ziqalekiso zonke, zikusukele, zikufumane ude utshabalale; ngokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine imithetho yakhe nemimiselo yakhe akuwiseleyo;

46. zibe ngumqondiso nezimanga kuwe, nakwimbewu yakho kude kuse ephakadeni;

47. ngenxa yokuba ungamkhonzanga uYehova uThixo wakho ngokuvuya, nangokuchwayitha kwentliziyo, ngenxa yobuninzi bezinto zonke.

Iduteronomi 28