Xa ithe indoda yafunyanwa isiba umntu ebazalwaneni bayo, oonyana bakaSirayeli, imphathe kakubi, ithengise ngaye njengekhoboka: malife elo sela; ubutshà yele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.