Iduteronomi 23:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Uze ungalukhathaleli naphakade uxolo lwabo nokuhlala kwabo kakuhle, yonke imihla yakho.

7. Aze angabi lisikizi kuwe umEdom, ngokuba ngumzalwana wakho; aze angabi lisikizi kuwe umYiputa, ngokuba ube ungumphambukeli ezweni lakhe.

8. Oonyana abathe babazala, abasisizukulwana sabo sesithathu, bongena ebandleni likaYehova.

9. Xa uthe waphuma umkhosi, waya ezintshabeni zakho, uze uzigcine kwinto yonke embi.

10. Xa kuthe kwakho kuwe indoda engahlambulukileyo, ngenxa yento eyihleleyo ebusuku, yophuma iye ngaphandle kweminquba; mayingangeni phakathi kweminquba.

11. Kothi, xa kuhlwayo, ihlambe ngamanzi; ithi lakutshona ilanga, ingene ke ngaphakathi kweminquba.

12. Wòba nendawo engaphandle kweminquba, uphume ke uye khona endle.

13. Uze ube nolungxa empahleni yakho; kuthi ekuhlaleni phantsi kwakho endle, umbe ngalo, uhlale phantsi, ukuselele okuphuma kuwe;

14. ngokuba uYehova uThixo wakho uhambahamba phakathi kweminquba yakho, ukuba akuhlangule, azinikele iintshaba zakho kuwe. Ize icokiseke iminquba yakho, angaboni nto iziintloni kuwe, ajike emke kuwe.

15. Uze ungasinikeli enkosini yaso isicaka esisabele kuwe, sisuka enkosini yaso.

16. Sohlala nawe phakathi kwenu, kuloo ndawo sithe sayinyula kwelinye isango emasangweni akho, apho kusilungele khona; uze ungasixinzeleli phantsi.

17. Makungabikho ng'awukazi kwindawo engcwele ezintombini zakwaSirayeli; makungabikho sifebe kwindawo engcwele koonyana bakaSirayeli.

Iduteronomi 23