Iduteronomi 22:27-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Ngokuba úyifumene endle, yakhala intombi eganiweyo, akwabakho uyisindisayo.

28. Xa umfo athe wayifumana intombi eyintombi engàganiweyo, wayibamba, wayilala; kwafumaneka ukuba kunjalo:

29. loo mfo uyileleyo wómnika uyise wentombi amashumi omahlanu eeshekele zesilivere, ibe ngumkakhe, ngenxa yokuba eyonile. Akanakuyala yonke imihla yakhe.

30. Indoda mayingamzeki umkayise, ingalityhili isondo lengubo kayise.

Iduteronomi 22