27. Ngokuba úyifumene endle, yakhala intombi eganiweyo, akwabakho uyisindisayo.
28. Xa umfo athe wayifumana intombi eyintombi engàganiweyo, wayibamba, wayilala; kwafumaneka ukuba kunjalo:
29. loo mfo uyileleyo wómnika uyise wentombi amashumi omahlanu eeshekele zesilivere, ibe ngumkakhe, ngenxa yokuba eyonile. Akanakuyala yonke imihla yakhe.
30. Indoda mayingamzeki umkayise, ingalityhili isondo lengubo kayise.