Iduteronomi 21:15-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Xa ithe indoda yanabafazi ababini, omnye ethandwa, omnye ethiyiwe, bayizalela oonyana, lowo uthandwayo nalowo uthiyiweyo; ke unyana wamazibulo waba ngowothiyiweyo:

16. kothi mini ibabèla ilifa lento enayo oonyana bayo, ingabi nako ukumenza owamazibulo unyana wothandwayo, phambi konyana wothiyiweyo ongowamazibulo;

17. kuba owamazibulo, unyana lo wothiyiweyo, yomazalelela, imnike izahlulo ezibini zento yonke eya kufunyanwa inayo; ngokuba eyingqalo yokuqina kwayo, bulungé nayo ubuzibulo.

18. Xa indoda ithe yanonyana oyinjubaqa, oneenkani, ongaliphulaphuliyo ilizwi likayise nelizwi lonina, bambetha, akabaphulaphula noko:

19. uyise nonina bombamba baphume naye, baye kumadoda amakhulu omzi wakowabo, nasesangweni laloo ndawo yakowabo;

Iduteronomi 21