Iduteronomi 20:9-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Kothi bakugqiba ababhali ukuthetha ebantwini, bamise abathetheli bemikhosi bokukhokela abantu.

10. Xa uthe wasondela emzini, usiya kulwa nawo, womemeza uxolo kuwo;

11. kuthi, ukuba úthe wakuphendula ngoxolo wakuvulela, bonke abantu abafunyenwe kuwo babe ngabafakwa uviko, bakukhonze.

12. Ke ukuba úthe awaxola nawe, wesuka wenza imfazwe nawe, wòwungqinga wena.

13. Ukuba úthe uYehova uThixo wakho wawunikela esandleni sakho, woyibulala yonke into eyindoda kuwo ngohlangothi lwekrele;

14. kodwa abafazi, nabantwana, neenkomo, neento zonke ezithe zabakho kuloo mzi, amaxhoba awo onke, wòwathimbela kuwe, uwadle amaxhoba eentshaba zakho akunikileyo uYehova uThixo wakho.

15. Ùya kwenjenjalo kuyo yonke imizi ekude kakhulu kuwe, engeyiyo yona imizi yezi ntlanga.

Iduteronomi 20