Iduteronomi 20:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Nisòndele namhla ekulweni neentshaba zenu; mayingathambi intliziyo yenu, musani ukoyika, musani ukuphakuzela, musani ukungcangcazela ebusweni bazo;

4. ngokuba uYehova uThixo wenu uhamba nani, ukuba anilwele kwiintshaba zenu, anisindise.

5. Ababhali bothetha ebantwini, bathi, Ngubani na umntu owakhé indlu entsha, akayisungula? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, isungulwe mntu wumbi.

6. Ngubani na umntu otyele isidiliya, akadla kuso? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, sidliwe mntu wumbi.

7. Ngubani na umntu ogane umfazi, akamzeka? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, azekwe mntu wumbi.

8. Boqokela ababhali bathethe ebantwini, bathi, Ngubani na umntu owoyikayo, ontliziyo ithambileyo? Makahambe abuyele endlwini yakhe, inganyibiliki intliziyo yabazalwana bakhe, njengentliziyo yakhe.

9. Kothi bakugqiba ababhali ukuthetha ebantwini, bamise abathetheli bemikhosi bokukhokela abantu.

Iduteronomi 20