Iduteronomi 2:3-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Kukade niyijikeleza le ntaba;

4. bhekani ngasentla, ubawisele abantu umthetho uthi, Niya kugqitha nje emdeni wabazalwana benu, oonyana bakaEsawu, abemi kwaSehire. Baya kunoyika, ize nizilumkele ke kunene.

5. Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime.

6. Ukudla nokuthenga kubo ngemali, nidle; namanzi nowemba kubo ngemali, nisele.

7. Kuba uYehova, uThixo wakho, ukusikelele emsebenzini wonke wesandla sakho. Ùyakwazi ukuyihamba kwakho le ntlango inkulu; le minyaka imashumi mané uYehova uThixo wakho unawe, akuswelanga nto.

Iduteronomi 2