Iduteronomi 2:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Sanduluka, sabheka entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu,* njengoko uYehova wathetha kum, sayijikeleza intaba yakwaSehire imihla emininzi.

2. Wathetha uYehova kum, wathi,

3. Kukade niyijikeleza le ntaba;

4. bhekani ngasentla, ubawisele abantu umthetho uthi, Niya kugqitha nje emdeni wabazalwana benu, oonyana bakaEsawu, abemi kwaSehire. Baya kunoyika, ize nizilumkele ke kunene.

Iduteronomi 2