Iduteronomi 18:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Xa uthe wafika kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo wakho, uze ungafundi ukwenza amasikizi ezo ntlanga.

10. Maze kungĂ funyanwa namnye kuwe ucandisa unyana wakhe nentombi yakhe emlilweni, novumisayo, nolitola, nohlaba izihlabo, nokhafulayo,

11. nobopha ngomabophe, nobuza koneshologu, nosiyazi, noquqela kwabafileyo.

12. Kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto; kungenxa yaloo masikizi, le nto uYehova uThixo wakho azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.

13. Uze ugqibelele ukuba noYehova uThixo wakho.

Iduteronomi 18