Iduteronomi 18:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ababingeleli, abaLevi, sonke isizwe sabaLevi, mabangabi nasabelo nalifa kunye namaSirayeli; bodla ukudla kwasemlilweni ke kukaYehova, nelifa lakhe.

2. Mabangabi nalifa phakathi kwabazalwana babo; nguYehova ilifa labo, njengoko wathethayo kubo.

3. Soba sesi ke isilunga sababingeleli, esiphuma ebantwini, esiphuma kwababingelela imibingelelo, nokuba yinkomo, nokuba yigusha: bomnika umbingeleli umkhono, nemihlathi, neswili.

4. Wòmnika ulibo lwengqolowa yakho, nolwewayini yakho entsha, nolweoli yakho; noboya bokuqala bomchebo wempahla yakho emfutshane.

Iduteronomi 18