Iduteronomi 16:18-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Wòzimisela abagwebi nababhali emasangweni akho onke akunikayo uYehova uThixo wakho, ngokwezizwe zakho, bagwebe abantu ngogwebo olulungileyo.

19. Uze ungasijiki isigwebo, ungakhethi buso, ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi simfamekisa amehlo ezilumko, siphenule iindawo zamalungisa.

20. Ubulungisa, ubulungisa obu, uze ubuphuthume, ukuze uphile, ulihluthe ilizwe elo akunikayo uYehova uThixo wakho.

21. Uze ungazigxumekeli Ashera* wemithi, nokuba yiyiphi, ecaleni lesibingelelo sikaYehova uThixo wakho, ozenzela sona;

22. ungazimiseli simiso selitye, into ayithiyileyo uYehova uThixo wakho.

Iduteronomi 16