Iduteronomi 15:12-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Xa athe wazithengisa kuwe umzalwana wakho, umHebhere nokuba ngumHebherekazi, wakukhonza iminyaka emithandathu, womndulula ngomnyaka wesixhenxe ekhululekile kuwe.

13. Xa uthe wamndulula ekhululekile kuwe, uze ungamndululi elambatha.

14. Wompha umphe empahleni yakho emfutshane, nasesandéni sakho, nasesixovulelweni sakho; umnike into akusikelelé ngayo uYehova uThixo wakho;

15. ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhulula uYehova uThixo wakho; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ngale nto namhla.

16. Kothi, xa athe kuwe, Andimki kuwe; ngokuba ekuthanda wena nendlu yakho, ngokuba kulungile kuye ekuwe nje:

17. uthabathe ke inyatyhowa, umhlabe ngayo endlebeni iye kuma elucangweni, abe sisicaka kuwe ngonaphakade. Nakwisicakakazi sakho uze wenjenjalo.

Iduteronomi 15