Iduteronomi 15:11-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kuba alisayi kuza lingabikho ihlwempu phakathi kwelizwe elo; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho, ndisithi, Sivule kakhulu isandla sakho kumzalwana wakho olusizana, olihlwempu lakho ezweni lakho.

12. Xa athe wazithengisa kuwe umzalwana wakho, umHebhere nokuba ngumHebherekazi, wakukhonza iminyaka emithandathu, womndulula ngomnyaka wesixhenxe ekhululekile kuwe.

13. Xa uthe wamndulula ekhululekile kuwe, uze ungamndululi elambatha.

Iduteronomi 15