2. ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu; uYehova uninyulele ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, ezizweni zonke eziphezu komhlaba.
3. Uze ungadli nanye into elisikizi.
4. Zizo ezi izinto ezizitho ziné enozidla:
5. inkomo, imvu, imbuzi, ixhama, nebhadi, nelinqa, netshabangqa, nenqu, neula, negogo.
6. Yonke into ezitho ziné ethiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe zacandwa kubini, etyisa umtyiso, ezintweni ezizitho ziné, noyidla yona.
7. Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, nembila, nomvundla; ngokuba zetyisa umtyiso, ke aziluthe gqiphu uphuphu, ziziinqambi ke kuni;
8. nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, phofu ingetyisi, iyinqambi kuni. Inyama yazo ize ningayidli, nesidumbu sazo ningasichukumisi.
9. Ezintweni zonke ezisemanzini nozidla: zonke izinto ezinamaphiko namaxolo nozidla.
10. Ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo ize ningazidli; ziziinqambi kuni.
11. Zonke iintaka ezihlambulukileyo nozidla.
12. Eningayi kuzidla zezi: ixhalanga, nosilwangangubo, nonomakhwezana,
13. nesangxa, noontloyiya ngohlobo lwabo;
14. nehlungulu lonke ngohlobo lwalo;
15. nenciniba, nesihuluhulu, nengabangaba, nentambane ngohlobo lwayo;
16. nesikhova, nefubesi, nenkuku yamanzi;
17. nengcwangube, nenkqo, nogwidi;
18. nengwamza, nokhwalimanzi ngohlobo lwakhe, nobhobhoyi, nelulwane.