Iduteronomi 14:15-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. nenciniba, nesihuluhulu, nengabangaba, nentambane ngohlobo lwayo;

16. nesikhova, nefubesi, nenkuku yamanzi;

17. nengcwangube, nenkqo, nogwidi;

18. nengwamza, nokhwalimanzi ngohlobo lwakhe, nobhobhoyi, nelulwane.

19. Yonke inyakanyaka enamphiko iyinqambi kuni; ize ningayidli.

20. Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningázidla.

21. Ize ningayidli yonke into ezifeleyo; ungámnika owasemzini osemasangweni akho, adle; ungáthengisa ngayo kowolunye uhlanga; ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu.Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.

22. Uze unikele isishumi songeniselo lonke lwembewu yakho ephuma entsimini, iminyaka ngeminyaka;

23. udle phambi koYehova uThixo wakho endaweni leyo aya kuyinyulela ukuhlalisa igama lakhe kuyo, esishumini sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho, nawempahla yakho emfutshane; ukuze ufunde ukumoyika uYehova uThixo wakho yonke imihla.

Iduteronomi 14