12. nivuye phambi koYehova uThixo wenu, nina noonyana benu, neentombi zenu, nezicaka zenu, nezicakakazi zenu, nomLevi osemasangweni enu, ngokuba akanasabelo nalifa nani.
13. Zigcine, amadini akho anyukayo ungawanyusi ezindaweni zonke ozibonayo.
14. Ke endaweni leyo aya kuyinyula uYehova, kwesinye sezizwe sakowenu, wòwanyusa khona amadini akho anyukayo, ukwenze khona konke endikuwisela umthetho ngako.
15. Noko ke, ngokunqwena konke komphefumlo wakho, ungáxhela uyidle inyama, ngokwentsikelelo kaYehova uThixo wakho akunikileyo, emasangweni akho onke; oyinqambi nohlambulukileyo bangáyidla into enjengebhadi nenjengexhama.