12. Kaloku ke, Sirayeli, uYehova uThixo wakho ubiza ntoni na kuwe, kungekuko ukumoyika uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke, umthande, umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke;
13. ugcine imithetho kaYehova, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla ukuba kulĂșnge kuwe?
14. Yabona lelikaYehova uThixo wakho izulu, nezulu lamazulu, nehlabathi, neento zonke ezikhona.
15. UYehova wathana nca nooyihlo bodwa, ukuba abathande; wanyula imbewu yabo emva kwabo, nina ke, ngaphezu kwezizwe zonke, njengoko kunjalo namhla.
16. Yalusani ke inyama yentliziyo yenu, ningabi saba ngabantamo ilukhuni.
17. Kuba uYehova uThixo wenu nguThixo woothixo yena, nguNkosi kankosi, nguThixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ongakhethi buso, ongamkeli sicengo;
18. ogwebela inkedama nomhlolokazi, othanda owasemzini, amnike ukudla, amnike nengubo.
19. Mthandeni owasemzini; kuba nibé ningabasemzini ezweni laseYiputa.
20. Uze umoyike uYehova uThixo wakho, umkhonze, unamathele kuye, ufunge igama lakhe.
21. Yindumiso yakho, nguThixo wakho, okwenzele ezi zinto zinkulu zoyikekayo, azibonileyo amehlo akho.
22. Behla beyimiphefumlo emashumi asixhenxe ooyihlo ukuya eYiputa; ke ngoku uYehova, uThixo wakho, unenze nanjengeenkwenkwezi zezulu, ukuba baninzi kwenu.