Iduteronomi 1:26-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Kanti noko anivumanga kunyuka, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu.

27. Nakrokra ezintenteni zenu, nathi, Wásikhupha kuba esithiyile uYehova ezweni laseYiputa, ukuze asinikele esandleni sama-Amori, asitshabalalise.

28. Siya kunyukela phi na? Abazalwana bethu bazinyibilikisile iintliziyo zethu, besithi, Abantu bakhulu, bade kunathi; imizi mikhulu, inqatyisiwe yada yesa ezulwini; kananjalo noonyana baka-Anaki sibabone khona.

29. Ndathi ke kuni, Ize ningangcangcazeli, ningaboyiki.

30. NguYehova uThixo wenu, ohamba phambi kwenu. Yena wonilwela, njengako konke awanenzelayo eYiputa emehlweni enu;

31. nasentlango, apho wakubonayo ukukuthwala kukaYehova uThixo wakho, njengomntu ethwele unyana wakhe, ngendlela yonke enahamba ngayo, nada naza kufika kule ndawo.

Iduteronomi 1