Iduteronomi 1:18-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ndaniwisela umthetho ngelo xesha ngezinto zonke enozenza.

19. Sanduluka eHorebhe, sayihamba yonke laa ntlango inkulu, yoyikekayo nayibonayo, sihamba ngendlela yentaba yama-Amori, njengoko uYehova uThixo wethu wasiyalelayo, sada seza eKadeshebharneha.

20. Ndathi ke kuni, Nìfikile entabeni yama-Amori, awasinikayo uYehova, uThixo wethu.

21. Khangela, uYehova uThixo wakho ulinikele kuwe ilizwe elo: nyuka wakhe kulo, njengoko wathethayo uYehova uThixo wooyihlo kuwe. Musa ukoyika, ungakwantyi nokunkwantya.

22. Nasondela ke kum nina aba nonke, nathi, Masisuse amadoda, asandulele, asihlolele ilizwe elo, asizisele ilizwi lendlela esonyuka ngayo, nemizi esofika kuyo.

23. Lalunga ke elo zwi emehlweni am, ndathabatha kuni amadoda alishumi elinamabini, indoda yanye esizweni.

24. Ajika ke, enyuka aya entabeni, ada afika esihlanjeni sakwaEshkoli, asihlola.

25. Athabatha isiqhamo selo zwe ngesandla sawo, asiphathela, asizisela ilizwi, athi, Lilizwe elihle asinikayo uYehova uThixo wethu.

26. Kanti noko anivumanga kunyuka, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu.

27. Nakrokra ezintenteni zenu, nathi, Wásikhupha kuba esithiyile uYehova ezweni laseYiputa, ukuze asinikele esandleni sama-Amori, asitshabalalise.

28. Siya kunyukela phi na? Abazalwana bethu bazinyibilikisile iintliziyo zethu, besithi, Abantu bakhulu, bade kunathi; imizi mikhulu, inqatyisiwe yada yesa ezulwini; kananjalo noonyana baka-Anaki sibabone khona.

29. Ndathi ke kuni, Ize ningangcangcazeli, ningaboyiki.

Iduteronomi 1