Ekayakobi 3:12-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Únako yini na, bazalwana bam, umkhiwane úkuvelisa iinkozo zomnquma, uthi umdiliya uvelise amakhiwane? Ngokunjalo akukho namnye umthombo ongávelisa amanzi amtyuba namnandi.

13. Ngubani na olumkileyo, owaziyo kakuhle phakathi kwenu? Makayibonise imisebenzi yakhe ngehambo entle, enobulali bobulumko.

14. Ke, ukuba ninomona okrakra neyelenqe entliziyweni yenu, musani ukuyiqhayisela nokuyixoka inyaniso.

15. Obo bulumko asibubo obuhla phezulu; bobasemhlabeni, bobemvelo, bobeedemon.

16. Kuba apho kukhoyo umona neyelenqe, kubakho isiphithiphithi nemicimbi emibi yonke.

Ekayakobi 3