Ekayakobi 2:14-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi únokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako yini na ukumsindisa ukholo lwakhe?

15. Ukuba ke umzalwana, nokuba ngudade, bathi bahambe zé, beswele ukudla imihla ngemihla,

16. athi ke omnye wenu kubo, Hambani ninoxolo, yothani, hluthani; nibe ke ningàbaniki izinto ezo ziwufaneleyo umzimba: kunceda ntoni na?

17. Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo.

Ekayakobi 2