11. Kuba lowo wathi, Musa ukukrexeza, ubuye wathi, Musa ukubulala. Ke, ukuba akukrexezi, kodwa ubulala, usewuthe waba ngumgqithi-mthetho.
12. Yithini ukuthetha, yithini ukwenza, nenze njengabaza kugwetywa ngomthetho wenkululeko.
13. Kuba umgwebo awuyi kuba natarhu kulowo ungenzanga nceba; kananjalo inceba iyawuqhayisela umgwebo.
14. Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi Ășnokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako yini na ukumsindisa ukholo lwakhe?