1. Athi amadoda akwaEfrayim kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi, yokuba ungasibizi, ukuya kulwa kwakho namaMidiyan? Babambana naye kabukhali.
2. Wathi kuwo, Ndenzé ntoni na ngoku ngangáni? Ukubhikica kwamaEfrayim akukugqithile na ngokulunga ukuvuna iidiliya komAbhihezere?
3. UThixo ubanikele esandleni senu abathetheli bakwaMidiyan, uOrebhe noZebhe; yintoni na endinokuyenza ngangani? Yaza ingqumbo yawo ngakuye yadamba ekulithetheni kwakhe elo lizwi.