1. Ke kaloku oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova; wabanikela uYehova esandleni samaMidiyan iminyaka esixhenxe.
2. Isandla samaMidiyan saba namandla phezu kwamaSirayeli; oonyana bakaSirayeli bazilungisela imigongxo esezintabeni, nemiqolomba, neemboniselo ngenxa yamaMidiyan.
3. Kwathi, xa abehlwayele amaSirayeli, enyuka amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga;
4. benyuka, bawafikela, bawangqinga, bayonakalisa indyebo yelizwe kwada kwaya eGaza, àbashiya nto idliwayo kwaSirayeli, nagusha, nankomo, naesile.
5. Ngokuba bebenyuka bona nemfuyo yabo, neentente zabo, beza bénjengeenkumbi ukuba baninzi, ababa nakubalwa, bona neenkamela zabo; balingena ilizwe ukuba balonakalise.