Wayehleli phantsi komthi wesundu kaDebhora, phakathi kweRama neBheteli, kweleentaba lakwaEfrayim. Benyuka baya kuye oonyana bakaSirayeli ukuba athethe amatyala.