Abagwebi 3:24-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Ephumile ke yena, bangena abakhonzi, babona iingcango zegumbi eliphezulu zivaliwe; bathi, Fanel' ukuba ugubungela iinyawo zakhe egumbini lempepho.

25. Baphongoma bada baneentloni; nanko kungavuli mntu ezingcangweni zegumbi eliphezulu; bathabatha isitshixo, bavula: nantsi inkosi yabo iwe phantsi ifile.

26. UEhude wasaba, besazilazila bona; wagqitha emifanekisweni eqingqiweyo, wasaba, waya eSehira.

27. Kwathi, ukufika kwakhe, wavuthela ngesigodlo ekweleentaba lakwaEfrayim; behla naye oonyana bakaSirayeli kweleentaba, éphambi kwabo yena.

28. Wathi kubo, Ndilandeleni, ngokuba uYehova uzinikele iintshaba zenu, amaMowabhi, esandleni senu. Bamlandela ke, bawavingca amazibuko aseYordan angakwaMowabhi, àbavuma ukuba kuwele mntu.

Abagwebi 3