11. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mané. Wafa uOteniyeli unyana kaKenazi.
12. Ke kaloku oonyana bakaSirayeli baphinda benza ububi emehlweni kaYehova; uYehova wamomeleza uEglon ukumkani wakwaMowabhi, ukuba awachase amaSirayeli, ngenxa yokuba enzé ububi emehlweni kaYehova.
13. Wabahlanganisela kuye oonyana baka-Amon nama-Amaleki, waya wawabulala amaSirayeli, wawuhlutha uMzi wamaSundu.
14. Oonyana bakaSirayeli bamkhonza uEglon, ukumkani wakwaMowabhi, iminyaka elishumi elinesibhozo.