Abagwebi 3:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Zizo ke ezi iintlanga awaziyekayo uYehova, ukuze awalinge ngazo amaSirayeli, lawo angazazanga iimfazwe zonke zakwaKanan;

2. ukuze kodwa azazi izizukulwana zoonyana bakaSirayeli ngokuzifundisa imfazwe, zona ezo zangaphambili zazingazazi:

3. izikhulu zozihlanu zamaFilisti, namaKanan onke, namaTsidon, namaHivi ahleli ezintabeni zeLebhanon, ethabathela ezintabeni zeBhahali-hermon, ese ekuyeni eHamati.

Abagwebi 3