6. Wathi umbingeleli kuwo, Hambani ninoxolo, iphambi koYehova indlela yenu eniya kuhamba ngayo.
7. Ahamba ke amadoda amahlanu afika eLayishe; ababona abantu abaphakathi kwayo, behleli bonwabile ngokwesiko lamaTsidon, bezolile, bonwabile; kungekho uwona nganto kubaphathi belo zwe; babekude kumaTsidon, bengatheni nabani.
8. Afika kubazalwana bawo eTsora nase-Eshtawoli. Bathi abazalwana bawo kuwo, Nitheni na?
9. Athi, Sukani, sinyuke siye kubo; ngokuba silibonile ilizwe; nalo lilihle kunene, ke nithe quthu. Musani ukunqena ukuhamba, niye kulihlutha ilizwe elo.
10. Xa nithe nafika, nofika kubantu abonwabileyo, kwilizwe eliphangaleleyo ngamacala omabini; ngokuba uThixo ulinikele ezandleni zenu, indawo apho kungĂ sweleke nanye into esehlabathini.
11. Kwanduluka ke kumlibo wakwaDan, eTsora nase-Eshtawoli, amadoda angamakhulu omathandathu, exhobe iimpahla zemfazwe.
12. Enyuka ke, amisa eKiriyati-yeharim yakwaYuda; ngenxa yoko bathi loo ndawo yiMahane yakwaDan* unanamhla. Nantso isemva kweKiriyati-yeharim.
13. Agqitha aya kweleentaba lakwaEfrayim, afika endlwini kaMika.