Abagwebi 18:26-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Bahamba ke ngendlela yabo oonyana bakaDan. Wabona uMika ukuba bomelele kunaye, wajika wabuyela endlwini yakhe.

27. Bayithabatha ke bona into abeyenzile uMika, nombingeleli lowo abenaye; bafika eLayishe kubantu abazolileyo, abonwabileyo, bababulala ngohlangothi lwekrele, bawutshisa umzi ngomlilo.

28. Bekungekho mhlanguli, ngokuba bekude nowaseTsidon, bengatheni nabani, besentilini esingise eBhete-rehobhi. Bakha umzi, bahlala khona.

29. Bathi igama laloo mzi ngowakwaDan, ngegama likaDan uyise, owazalelwa uSirayeli; kodwa igama laloo mzi libe liyiLayishe ngenxa engaphambili.

30. Baza oonyana bakaDan bazimisela umfanekiso oqingqiweyo lowo; uYonatan unyana kaGershom, unyana kaManase, yena noonyana bakhe baba ngababingeleli esizweni sakwaDan, kwada kwayimini yokuthinjwa kwelizwe.

31. Bazimisela ke umfanekiso oqingqiweyo kaMika abewenzile, yonke imihla ebiseseShilo indlu kaThixo.

Abagwebi 18