Abagwebi 18:10-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Xa nithe nafika, nofika kubantu abonwabileyo, kwilizwe eliphangaleleyo ngamacala omabini; ngokuba uThixo ulinikele ezandleni zenu, indawo apho kungàsweleke nanye into esehlabathini.

11. Kwanduluka ke kumlibo wakwaDan, eTsora nase-Eshtawoli, amadoda angamakhulu omathandathu, exhobe iimpahla zemfazwe.

12. Enyuka ke, amisa eKiriyati-yeharim yakwaYuda; ngenxa yoko bathi loo ndawo yiMahane yakwaDan* unanamhla. Nantso isemva kweKiriyati-yeharim.

13. Agqitha aya kweleentaba lakwaEfrayim, afika endlwini kaMika.

14. Ke kaloku aphendula amadoda amahlanu, abezé kulihlola ilizwe laseLayishe, athi kubazalwana bawo, Niyazi na ukuba kwezi zindlu kukho iefodi,* nemilonde-khaya, nomfanekiso oqingqiweyo, nomtyhido? Ke ngoko kuqondeni eniza kukwenza.

15. Aphambukela khona, angena endlwini yendodana engumLevi, endlwini kaMika, ayibuza ukuphila kwayo.

16. Athi amadoda angamakhulu amathandathu axhobe iimpahla zemfazwe, akoonyana bakwaDan, ema ekungeneni kwesango.

17. Anyuka la madoda mahlanu abeye kulihlola ilizwe, aya khona, awuthabatha umfanekiso oqingqiweyo, ne-efodi, nemilonde-khaya, nomtyhido; waye umbingeleli lowo emi ekungeneni kwesango namadoda angamakhulu amathandathu axhobe iimpahla zemfazwe.

18. Akuba lawa engene endlwini kaMika, ewuthabathile umfanekiso oqingqiweyo, iefodi, nemilonde-khaya, nomtyhido, uthe umbingeleli kuwo, Nenzani?

19. Athi kuye, Yithi tu, beka isandla sakho emlonyeni wakho, uhambe nathi, ube ngubawo nombingeleli kuthi. Kulungile na ukuba ube ngumbingeleli wendlu yamntu mnye, kunokuba ube ngumbingeleli wesizwe nomzalwana kwaSirayeli?

20. Yachwayitha intliziyo yombingeleli, wayithabatha iefodi, nemilonde-khaya, nomfanekiso oqingqiweyo, weza phakathi kwabantu abo.

21. Ajika ke, ahamba, azibeka iintsapho neemfuyo nezinto ezizukileyo phambi kwawo.

22. Akuba kude nendlu kaMika wona, athi amadoda asezindlwini ezingakwekaMika indlu ahlabelana umkhosi, eza afumanana noonyana bakaDan.

23. Amemeza koonyana bakaDan; baguquka ngobuso, bathi kuMika, Ùkhathazwa yini na, uhlaba umkhosi nje?

24. Wathi yena, Oothixo bam endabenzayo nibathabathile, nemka naye nombingeleli wam; ndisenantoni na? Nitsho ngani na ke ukuthi kum, Ukhathazwa yini na?

25. Bathi kuye oonyana bakaDan, Musa ukulivakalisa ilizwi lakho kuthi, hleze akugqibele amadoda amphefumlo ulugcalagcala, asuse umphefumlo wakho, nomphefumlo wendlu yakho.

26. Bahamba ke ngendlela yabo oonyana bakaDan. Wabona uMika ukuba bomelele kunaye, wajika wabuyela endlwini yakhe.

27. Bayithabatha ke bona into abeyenzile uMika, nombingeleli lowo abenaye; bafika eLayishe kubantu abazolileyo, abonwabileyo, bababulala ngohlangothi lwekrele, bawutshisa umzi ngomlilo.

28. Bekungekho mhlanguli, ngokuba bekude nowaseTsidon, bengatheni nabani, besentilini esingise eBhete-rehobhi. Bakha umzi, bahlala khona.

29. Bathi igama laloo mzi ngowakwaDan, ngegama likaDan uyise, owazalelwa uSirayeli; kodwa igama laloo mzi libe liyiLayishe ngenxa engaphambili.

Abagwebi 18