Abagwebi 14:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wehla uSamson noyise nonina, baya eTimnata, bafika ezidiliyeni zaseTimnata; nantso ingonyama entsha imkhawulela, igquma.

6. Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova, wayiqwenga, wanga uqwenga itakane, kungekho nto esandleni sakhe; akakuxela kuyise nakunina akwenzileyo.

7. Wehla wathetha nenkazana leyo; yamkholisa kunene uSamson.

8. Wabuya kwakuba ntsuku, esiya kuyizeka. Watyeka, wakhangela isidumbu sengonyama leya; nalo ibubu leenyosi lisesidumbini sengonyama, kukho nobusi.

9. Wabuthabatha, waphatha ngesandla, wahamba, wahamba esidla, waya kuyise nonina, wabanika, badla; akabaxelela ukuba ubusi ubuthabathe esidumbini sengonyama.

10. Wehla ke uyise waya kuloo nkazana; uSamson wenza umsitho khona; ngokuba abesenjenjalo amadodana.

Abagwebi 14