Abagwebi 13:9-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Waliphulaphula uThixo izwi likaManowa; sabuya seza ke isithunywa sikaYehova kumfazi lowo ehleli entsimini, uManowa indoda yakhe ingenaye.

10. Wakhawuleza umfazi, wagidima, wayixelela indoda yakhe, wathi kuyo, Yabona, ubonakele kum laa mntu ubezé kum laa mhla.

11. Wesuka ke uManowa, wamlandela umkakhe, waya kuloo mntu, wathi kuye, Ungulaa mntu na ubethetha nomfazi?

Abagwebi 13