Abagwebi 11:26-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Ekuhlaleni kwamaSirayeli eHeshbhon nasemagxamesini ayo, naseArohere nasemagxamesini ayo, nasemizini yonke esemacaleni eArnon iminyaka emakhulu mathathu, ibiyini na ukuba ningayihlanguli ngelo xesha?

27. Mna andikonanga; nguwe ondenza into embi ngokulwa nam. UYehova uMgwebi makagwebe namhla phakathi koonyana bakaSirayeli noonyana baka-Amon.

28. Ukumkani woonyana baka-Amon akawaphulaphula amazwi kaYifeta awawathumela kuye.

29. UMoya kaYehova wamfikela uYifeta, wacanda eGiliyadi nakwaManase, wacanda naseMizpa yaseGiliyadi; wesuka eMizpa yaseGiliyadi, wabangenela oonyana baka-Amon.

30. UYifeta wabhambathisa kuYehova isibhambathiso, wathi, Ukuba ùthe wabanikela kanye oonyana baka-Amon esandleni sam, wóthi,

31. osukuba ephuma emnyango wendlu yam, eza kundikhawulela ekubuyeni kwam ngoxolo koonyana baka-Amon, abe ngokaYehova; ndimnyuse abe lidini elinyukayo.

Abagwebi 11