Abagwebi 11:10-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Athi amadoda amakhulu aseGiliyadi kuYifeta, UYehova makabe lingqina phakathi kwethu; inene siya kwenjenjalo ngokwelizwi lakho.

11. Wahamba ke uYifeta namadoda amakhulu aseGiliyadi; abantu bammisa phezu kwabo, waba yintloko nomphathi. Wawathetha uYifeta onke amazwi akhe phambi koYehova eMizpa.

12. UYifeta wasusa abathunywa, baya kukumkani woonyana baka-Amon, wathi, Yintoni na enam nawe, uzé kum nje ukuba ulwe nelizwe lam?

13. Wathi ukumkani woonyana baka-Amon kubathunywa bakaYifeta, Kungokuba amaSirayeli alithabatháyo ilizwe lam, ukunyuka kwawo eYiputa, athabathela eArnon, esa eYabhoki, esa eYordan; libuyise ngoxolo kalokunje.

14. UYifeta waphinda wathuma abathunywa kukumkani woonyaka baka-Amon,

15. wathi kuye, Utsho uYifeta ukuthi, AmaSirayeli akalithabathanga ilizwe lakwaMowabhi, nelizwe loonyana baka-Amon;

16. ngokuba ekunyukeni kwawo eYiputa amaSirayeli ahamba ngentlango, eza eLwandle oluBomvu,* eza eKadeshe;

Abagwebi 11