2 Usamuweli 6:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku wabuya wabahlanganisa uDavide bonke abahleliweyo bakwaSirayeli: amashumi amathathu amawaka.

2. Wesuka ke, wahamba uDavide nabantu bonke abenabo, esiya eBhahali yakwaYuda, esiya kunyusa khona ityeya kaThixo, ebizwa ngalo igama, igama likaYehova wemikhosi ohleli phezu kweekerubhi.*

3. Bayikhwelisa enqwelweni entsha ityeya kaThixo, bayithabatha endlwini ka-Abhinadabhi ebisendulini; u-Uza nonoAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi, beyiqhuba inqwelo entsha leyo.

4. Bayithabatha endlwini ka-Abhinadabhi esendulini, inetyeya kaThixo, uAhiyo ehamba phambi kwetyeya.

2 Usamuweli 6