Wathetha uDavide kuYehova akusibona isithunywa eso sibetha ebantwini, wathi, Ùyabona, ndonile mna, ndenzé ngobugwenxa mna; umhlambi lo wona wenzé ntoni na? Isandla sakho masibe phezu kwam nendlu kabawo.