3. Uthi uThixo kaSirayeli,ULiwa lakwaSirayeli uthetha kum, uthi,Kuya kuvela umlawuli woluntu olilungisa,Elawula ngokoyika uThixo.
4. Unjengokukhanya kwentsasa, lakuphuma ilanga,Njengentsasa engenamafu,Lakusa ibisÃna,Lwakuphuma uhlaza endle.
5. Kuba ayinjalo yini na indlu yam kuThixo?Kuba undenzele umnqophiso ongunaphakade,Walungiswa ngeento zonke, wagcinwa;Kuba ukusindiswa kwam konke, nokunqwena kwam konke,Akayi kukuhlumisa yini na?
6. Ke amatshijolo onke ephela anjengemithana enameva ecukulwayo,Kuba ingenakuthatyathwa ngesandla.Umntu ukuyiphatha
7. Umntu ukuyiphathaUzalisa isandla ngentsimbi noluthi lwentshuntshe,Itshiswe itshe ngumlilo kwalapho ikhona.
8. Ngawo la amagama amagorha kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon, obeyintloko yabaphathimikhosi; yena watyityimbisa intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu asibhozo awahlatywa ngesihlandlo esinye.