2 Usamuweli 23:3-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Uthi uThixo kaSirayeli,ULiwa lakwaSirayeli uthetha kum, uthi,Kuya kuvela umlawuli woluntu olilungisa,Elawula ngokoyika uThixo.

4. Unjengokukhanya kwentsasa, lakuphuma ilanga,Njengentsasa engenamafu,Lakusa ibisína,Lwakuphuma uhlaza endle.

5. Kuba ayinjalo yini na indlu yam kuThixo?Kuba undenzele umnqophiso ongunaphakade,Walungiswa ngeento zonke, wagcinwa;Kuba ukusindiswa kwam konke, nokunqwena kwam konke,Akayi kukuhlumisa yini na?

6. Ke amatshijolo onke ephela anjengemithana enameva ecukulwayo,Kuba ingenakuthatyathwa ngesandla.Umntu ukuyiphatha

7. Umntu ukuyiphathaUzalisa isandla ngentsimbi noluthi lwentshuntshe,Itshiswe itshe ngumlilo kwalapho ikhona.

8. Ngawo la amagama amagorha kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon, obeyintloko yabaphathimikhosi; yena watyityimbisa intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu asibhozo awahlatywa ngesihlandlo esinye.

9. Nganeno kwakhe nguElazare, unyana kaDodayi, unyana womAhowa, obelelinye kumagorha lawo mathathu abenoDavide ekuwangcikiveni kwawo amaFilisti, abebuthelene khona emfazweni, akubon' ukuba anyukile amadoda akwaSirayeli:

10. yena wesuka wawabulala amaFilisti, sada sadinwa isandla sakhe, somela ekreleni isandla sakhe; wenza ke uYehova usindiso olukhulu ngaloo mini; babuya abantu bamlandela, banela ukuthimba kuphela.

11. Nganeno kwakhe nguShama, unyana ka-Age umHarari. AmaFilisti ayehlanganisene asisiqhu. Kwaye kukho apho isiqwenga somhlaba sizele ziintlumaya; basaba abantu ebusweni bamaFilisti;

12. wesuka yena wema esazulwini sesiqwenga eso, wasihlutha, wawabulala amaFilisti. UYehova wenza ke usindiso olukhulu.

13. Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu abaphathi-mikhosi, beza kuDavide, xa kuvunwayo, emqolombeni waseAdulam; saye isiqhu samaFilisti simise iintente entilini yamaRafa.

14. UDavide oko ubesemboniselweni; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem.

15. Wanqwena uDavide, wathi, Akwaba, bethu, bendingàsezwa amanzi equla laseBhetelehem, elisesangweni!

16. Atyhudisa loo magorha mathathu empini yamaFilisti, ákha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ukuwasela, wawathululela phantsi phambi koYehova.

2 Usamuweli 23