2 Usamuweli 23:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngawo la ke amazwi okugqibela kaDavide:Utsho uDavide unyana kaYese,Itsho indoda eyaphakanyiselwa phezulu,Umthanjiswa woThixo kaYakobi,Omihobe imnandi kwaSirayeli,

2. Ukuthi, UMoya kaYehova uthetha ngam,Ukukhuluma kwakhe kuselulwimini lwam.

3. Uthi uThixo kaSirayeli,ULiwa lakwaSirayeli uthetha kum, uthi,Kuya kuvela umlawuli woluntu olilungisa,Elawula ngokoyika uThixo.

4. Unjengokukhanya kwentsasa, lakuphuma ilanga,Njengentsasa engenamafu,Lakusa ibisína,Lwakuphuma uhlaza endle.

5. Kuba ayinjalo yini na indlu yam kuThixo?Kuba undenzele umnqophiso ongunaphakade,Walungiswa ngeento zonke, wagcinwa;Kuba ukusindiswa kwam konke, nokunqwena kwam konke,Akayi kukuhlumisa yini na?

6. Ke amatshijolo onke ephela anjengemithana enameva ecukulwayo,Kuba ingenakuthatyathwa ngesandla.Umntu ukuyiphatha

2 Usamuweli 23