1. Ngawo la ke amazwi okugqibela kaDavide:Utsho uDavide unyana kaYese,Itsho indoda eyaphakanyiselwa phezulu,Umthanjiswa woThixo kaYakobi,Omihobe imnandi kwaSirayeli,
2. Ukuthi, UMoya kaYehova uthetha ngam,Ukukhuluma kwakhe kuselulwimini lwam.
3. Uthi uThixo kaSirayeli,ULiwa lakwaSirayeli uthetha kum, uthi,Kuya kuvela umlawuli woluntu olilungisa,Elawula ngokoyika uThixo.