19. Bandifikela ngemini yokusindeka kwam,Waba sisixhaso kum uYehova.
20. Wandikhuphela endaweni ebanzi,Wandihlangula ngokuba endinonelele.
21. UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam,Wandibuyisela ngokuhlambululeka kwezandla zam.
22. Ngokuba ndazigcina iindlela zikaYehova,Andemka ngokungendawo kuThixo wam.
23. Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam;Nemimiselo yakhe, andityekanga kuyo.
24. Ndandingogqibeleleyo kuye,Ndazinqanda ebugwenxeni bam.
25. Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam,Ngokobunyulu bam, phambi kwamehlo akhe.
26. Kowenceba ùzenza owenceba,Kwigorha eligqibeleleyo ùzenza ogqibeleleyo.
27. Kozenze nyulu ùzenza onyulu,Kojibilizayo ùzenza onobuqhokolo.
28. Abantu abaziintsizana ùyabasindisa,Amehlo akho ajongene nabaqwayingileyo, ubathobe.
29. Kuba ùsisibane sam, wena Yehova,UYehova ukhanyisela ubumnyama bam.
30. Kuba ngawe ndigila impi,NgoThixo wam nditsiba iindonga.
31. UThixo yena — igqibelele indlela yakhe,Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe,Úyingweletshetshe kubo bonke abazímela ngaye.